Leviticus 15:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Osukuba ecukumisa ezo zinto, woba enco̔lile naye; kukona aya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abo bazichukumisayo ezo nto, boba ziinqambi;bazihlambe iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nabani na ozichukumisayo ezo zinto woba yinqambi, ahlambe iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe ngongahlambulukanga kude kuhlwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu othi achukumise ezo zinto uyasuleleka, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe kwakunye nomzimba. Uba nomlaza de kutshone ilanga.