Leviticus 15:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni lowo unegqita amtshicela ococekileyo, uya kwandula yena ahlanze izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe obhobhozayo wamtshicela ohlambulukileyo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ke onqwenela ukudla, lowo udlayo, nguye odlayo; wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, azihlambulule isono kude kuhlwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ithe yatshicela umntu loo ndoda ivuzayo, loo mntu yena kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, yaye uya kuba nomlaza de kutshone ilanga.