Leviticus 16:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ibokwe, ekuya kuwa pezu kwayo iqashiso lokuba ibe yibokwe yokumka, iya kumiswa yona ipilile ebusweni bukayehova, ize yenzelwe uxoliso; ukuba indululwe ibe yibokwe yokumka ukuya entlango.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke yona inkunzi yebhokhwe eliphume nayo iqashiso lika-Azazele, makayimise iphilile phambi koYehova, ayicamagushele, ayithumele kuAzazele entlango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yona ibhokhwe eliphume nayo iqashiso lebhokhwe ka-Asazele, yoyiziswa iphila phambi koYehova ukuze kucanyagushelwe kuyo ize iyikhulule njengombingelelo entlango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ithi leya iyibhokhwe ethwaliswa izono isondezwe kuNdikhoyo ihleli, ibe sisicamagushelo ngokuthi ikhatshelelwe entlango ithwele izono zesizwe.