Leviticus 16:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesiqumiso eso uya kusibeka pezu kwomlilo, pambi kwoyehova; ukuba ilifu lesiqumiso lisibekele isihlalo sofefe esipezu kwaso isinqi̔no, aze angafi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
asibeke isiqhumiso phezu komlilo phambi koYehova, ukuze ilifu lesiqhumiso lisisibekele isihlalo sokucamagusha esiphezu kwesingqino, ukuze angafi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makabeke isiqhumiso phezu komlilo phambi koYehova, ukuze ilifu lesiqhumiso lisibekele isivalo soBungqina, ukuze angafi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho ke ngaphambi koNdikhoyo wogalela intlaka yesiqhumiso kuloo malahle, khon' ukuze umsi wesiqhumiso usigubungele isivalo setyesi enobungqina bomnqophiso, ukuze angayiboni, hleze afe akuyibona.