Leviticus 16:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kubako namnye umntu ententeni yentlangano, akungena ukuza kulwenza uxoliso kweyingcwele indawo, ade apume: wolwenje njalo uxoliso ngenxa yake, nangenxa yendlu yake, nangenxa yawo wonke umhlambi wo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makungabikho mntu ententeni yokuhlangana, ekungeneni kwakhe ukuya kucamagusha engcweleni, kude kube sekuphumeni kwakhe. Makazicamagushele okwakhe, nokwendlu yakhe, nokwesikhungu sonke samaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makungabikho bani ententeni yokuhlangana ekungeneni kwakhe ukuze acamagushele engcweleni, ade aphume ukuze azicamagushele yena nendlu yakhe nebandla lonke likaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukususela ekungeneni kuka-Aron kwelona gumbi lingcwele ukuya kwenza inkonzo yokucamagushela, de abe uphumile, makungangeni namnye umntu esibingelelweni. Akugqiba ukuzicamagushela yena kunye nomzi wakhe kwakunye nebandla likaSirayeli liphela,