Leviticus 16:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza wati uyehova ku‐Mosesi: Teta kumkuluwe wako u‐Arone, ukuba makangangeni ngamaxesha onke kweyingcwele indawo, pakati kwekuselo, ngapambi kwesihlalo sofefe, esipezu kwayo ityeya, ukuze angafi; ngokuba ndiya kubonakala ngelifu esihlalweni sofefe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Thetha kuAron umkhuluwa wakho, angangeni ngamaxesha onke engcweleni ngaphaya komkhusane, phambi kwesihlalo sokucamagusha esiphezu kwetyeya, ukuze angafi; kuba ndiya kubonakala efini phezu kwesihlalo sokucamagusha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron umkhuluwa wakho, Makangangeni engcweleni ngamaxesha onke, ngaphaya komkhusane, esisithelweni setyeya; hleze afe, kuba ndiya kubonakala efini phezu kwesigubungelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uNdikhoyo wathi kuMosis: “Yithi kumntakwenu uAron makangafan' angene nje emva komkhusane kwelona gumbi lingcwele, kuba kulapho ndibonakala khona elifini ngaphezu kwesivalo sokucamagushela setyesi yomnqophiso. Ukuba uyenzile loo nto uya kufa.