Leviticus 16:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yoti ibokwe leyo itwale pezu kwayo zonke inkohlakalo zalo, iye nazo elizweni elilubala: yaiya kuyindulula ibokwe leyo apo entlango.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inkunzi leyo yebhokhwe yobuthwala ke phezu kwayo bonke ubugwenxa babo, iye ezweni eliqhiwukileyo; ayikhulule inkunzi yebhokhwe leyo entlango apho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inkunzi leyo yebhokhwe yobuthwala ke phezu kwayo bonke ubugwenxa babo, iye ezweni elingenammi; ayikhulule inkunzi yebhokhwe leyo entlango apho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yozithwala zonke izono zabantu loo bhokhwe, iye nazo apho kungahlali mntu khona.