Leviticus 16:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nenkunzana yedini lesono, nebokwe yedini lesono, elalite igazi lazo langeniswa kuze kwenziwe uxoliso kweyingcwele indawo, ziya kukutshelwa ngapandle kwomnquba; nezikumba zazo, nenyama yazo, nomswane wazo, ezonto bozitshisa ngomlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke yona inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, nenkunzi yebhokhwe yedini lesono, ezigazi langeniswa ukuba licamagushe engcweleni, zokhutshelwa ngaphandle kweminquba, zitshiswe ngomlilo izikhumba zazo, nenyama yazo, nomswane wazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, nenkunzi yebhokhwe yedini lesono, ezigazi laziswe ukuba kuxolelwe engcweleni, wozikhupha ezo zinto engcweleni; Izikhumba zazo, nenyama yazo, nomswane wazo, baya kuzitshisa ngomlilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Laa nkunzi yenkomo kunye nalaa bhokhwe yokwenza idini lesono, ezigazi lazo belingeniswe kwelona gumbi lingcwele ukuze ngalo kungxengxezelwe isono, kufuneka zona zikhutshelwe ngaphandle kwelali, zitshiswe apho. Ufele, inyama, kunye nezibilini, kufuneka kutshiswe konke.