Leviticus 16:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nosukuba ezitshisa yena uya kuhlanza izivato zake, ahlambe inyama yake ngamanzi, ati emveni kwokunjalo abuye eze emnqubeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lowo uzitshisayo wozihlamba iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini, emveni koko angene eminqubeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lowo ulitshisileyo ufanele ahlambe iimpahla zakhe, ahlambe nomzimba wakhe emanzini, emva koko angene enkampini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu otyunjelwe loo msebenzi wokuzitshisa kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, ngaphambi kokuba abuyele ngaphakathi kwelali.