Leviticus 16:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oku kwoba ngummiselwa ongunapakade kuni, ukuba kwenzelwe usapo luka‐Sirayeli uxoliso, ngenxa yazo zonke izono zalo, kube kanye emnyakeni mnye. Waza wenza njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kuni wokubacamagushela oonyana bakaSirayeli ngenxa yezono zabo zonke, kube kanye ngomnyaka. Wenza ke njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Woba ngumthetho wexesha elingenammiselo kuni ukucamagushela izono zoonyana bakaSirayeli kube kanye ngonyaka ngenxa yezono zabo zonke. Wenza njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Masingaze sityeshelwe esi sithethe. Kanye ngonyaka amaSirayeli makacanyagushelwe. UMosis ke wenza njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.