Leviticus 16:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kwambata eyingcwele ihempe yeqiya, nebrukwe yeqiya yoba pezu kwenyama yake, noqwemesha weqiya wobinqa ngalo, nonkontsho lweqiya woyisonga entloko: zizivato ezingcwele ezi; kukona aya kuhlamba ngamanzi inyama yake, akuzambata.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kwambatha ingubo engcwele yangaphantsi yelinen emhlophe, ibekho nebhulukhwe yelinen emhlophe emzimbeni wakhe, abhinqiswe ngombhinqo welinen emhlophe, ajikele unkontsho lwelinen emhlophe: ziingubo ezingcwele ezo. Wowuhlamba umzimba wakhe emanzini, azinxibe ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kwambatha ingubo ende engcwele yelinen emhlophe, ibe nebhulukhwe yelinen emhlophe emzimbeni wakhe, abhinqiswe ngombhinqo welinen emhlophe, abhinqe unkontsho lwelinen emhlophe: ziingubo ezingcwele ezo. Ngoko ke kufuneka awuhlambe umzimba wakhe emanzini kwaye awunxibe ngolu hlobo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uNdikhoyo uAron aze enze ezi zinto: UAron ngaphambi kokuba angene kwelona gumbi lingcwele kufuneka ahlambe umzimba, afake izivatho ezizodwa zobubingeleli: ihempe yelinen yangapantsi, ibhulukhwe emfutshane, umbhinqo esinqeni, aze athwale iqhiya.