Leviticus 17:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nomntu osukuba engowosapo luka‐Sirayeli, nosukuba engowasemzini opambukeleyo pakati kwenu, oya kubamba inyamakazi ekuzingeleni, umhlaumbi intaka edlekayo; lowo uya kupalaza igazi layo, aliselele ngotuli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umntu ngomntu koonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, osukuba ezingela inyamakazi, nokuba yintaka edliwayo, woliphalaza igazi layo, aliselele ngomhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli phakathi kwenu, osukuba ezingela inyamakazi, nokuba yiyiphi intaka edliwayo, nokuba yiyiphi na, nokuba yiyiphi na, nokuba yiyiphi na, nokuba yiyiphi na, nokuba yiyiphi na, nokuba yiyiphi na, nokuba yiyiphi na into; Woliphalaza igazi layo, aliselele ngomhlaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kukho umSirayeli okanye umngeneleli othe wazingela wabamba inyamakazi okanye intaka etyiwayo, kufuneka igazi layo alivuzisele emhlabeni, aze aligqumelele ngomhlaba.