Leviticus 17:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba libubomi benyama yonke; igazi layo lingenxa yobomi bayo; ndati ngoko elusatsheni luka‐Sirayeli: Igazi lenyama yonke aniyi kulidla; ngokuba ubomi benyama yonke ligazi layo; osukuba elidla, wonqanyulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba umphefumlo wenyama yonke, igazi layo eli ngumphefumlo wayo. Ndathi ke koonyana bakaSirayeli, Ize ningadli gazi lanyama nokuba yiyiphi; ngokuba umphefumlo wenyama yonke ligazilayo. Bonke abalidlayo bonqanyulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba obu bubomi benyama yonke; igazi layo ngumphefumlo wakhe; ngenxa yoko ndithe koonyana bakaSirayeli, Ize ningadli gazi lanyama nokuba yiyiphi; ngokuba umphefumlo wenyama yonke ligazi layo; Bonke abalidlayo bonqanyulwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku igazi libubomi bayo yonke into ephilayo. Kungenxa yoko ke uNdikhoyo athe kumaSirayeli makangayityi inyama yento engophanga, yaye nabani na oyityayo uya kusikwa ebantwini bakaThixo.