Leviticus 17:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nalomntu osukuba esidla into esisidumbu, umhlaumbi eqwengiweyo, nokuba ungozelweyo elizweni, nokuba ungowasemzini, yena uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe; andule abe ecokisekile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wonke ubani osukuba esidla into ezifeleyo, neqwengiweyo, engozalelwe ekhaya nomphambukeli, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise; wohlambuluka ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wonke ubani osukuba esidla into ezifeleyo, neqwengiweyo, engongosenzalwelweni nasengumphambukeli, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, kude kube ngelo xesha, woba yinqambi icocekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UmSirayeli okanye umngeneleli othe watya inyama yento efileyo, okanye ebulewe ngamarhamncwa, kufuneka ahlambe iimpahla, ahlambe nomzimba, alinde kutshone ilanga, ukuze uphele *umlaza.