Leviticus 17:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze usapo luka‐Sirayeli luze nayo imibingo yalo, oluyibingayo ngasendle, luyizise kuyehova, elucangweni lwentente yentlangano, kumperisite, luyibinge ibe yimibingo yoxolo kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze oonyana bakaSirayeli bayizise imibingelelo yabo abayibingelelayo ezindle, bayizise kuYehova emnyango wentente yokuhlangana kumbingeleli, bayibingelele ibe yimibingelelo yoxolo kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngokuba oonyana bakaSirayeli boyizisa ezweni imibingelelo yabo, abayizisayo ezweni, ukuba bayizise kuYehova emnyango wentente yokuhlangana, kumbingeleli, bayizise ngoxolo iminikelo kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Intsingiselo yalo mthetho kukuba amaSirayeli awazise kuNdikoyo loo madini ebekade ewaxhelela naphi na. Onke amadini makaziswe kumbingeleli ngasesangweni lesibingelelo, abe ngamadini obudlelane.