Leviticus 18:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubuzé bomfazi nobentombi yake akuyi kubutyila; intombi yonyana wake, umhlaumbi intombi yentombi yake, akuyi kuyizeka, ukutyila ubuzé bayo; zizalamane zake zona: bubutshinitshini oku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubuze bomfazi nentombi yakhe uze ungabutyhili; intombi yonyana wakhe, nentombi yentombi yakhe, uze ungayizeki, ukuba ubutyhile ubuze bayo: yinyama yakhe leyo; ngamanyala lawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uhlazo lomfazi nentombi yakhe uze ungalityhili, nentombi yonyana wakhe, nentombi yentombi yakhe, uze ungayizeki, ukuba ubutyhile ihlazo layo; ngokuba bengamakholwane akhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ungaze uhlangane nentombi okanye umzukulwana womfazi owakha wahlangana naye; kaloku bayazalana naye. Into enjalo yintlondi.