Leviticus 18:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nina kodwa niya kugcina imimiso yam nezigwebo zam, ningenzi nanye kuzo zonke ezizinto zibuntshontsho; owelizwe lakowenu, nowasemzini opambukeleyo pakati kwenu:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize niyigcine imimiselo yam namasiko am nina, ningenzi nalinye kuloo masikizi, kwaozalelwe ekhaya, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Gcinani imithetho yam, namasiko am, ningenzi nalinye kuloo masikizi; Makungabikho mntu wakowenu ophambukele kuni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bawenza la manyala onke, baza balingcolisa elo zwe; ke nina maze niwatyeshele. Nditsho kuni nonke, maSirayeli kunye nabangeneleli, kufuneka le miyalelo yam niyigcine,