Leviticus 18:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako niya kugcina imimiso yam, nezigwebo zam; aya kuti umntu, ukuba uyazenza, apile ngazo: mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nogcina imimiselo yam, namasiko am awothi umntu ozenzayo ezo nto aphile ngazo: ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke yigcineni imithetho yam, namasiko am; ukuba umntu uthe wenjenjalo, wohlala khona: ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nize nihambe ngemimiselo nangemithetho endiza kuniwisela yona; xa niyithobela niya kuphila ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.”