Leviticus 19:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kupindezela, kanjalo akuyi kubamba ingqumbo ngakulo usapo lwabantu bako; koko uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako: mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze ungaphindezeli; uze ungabi nanqala koonyana babantu bakowenu; uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako;ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musa ukuziphindezela, ungabathwali oonyana babantu bakowenu entliziyweni yakho; kodwa umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. NdinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ze ningaziphindezeli mntwini, okanye nimbambe isixhiba, koko nina mthandeni ummelwane wenu, kanye ngale ndlela nizithanda ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.