Leviticus 19:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nosukuba elala nenkazana ngokulalela inzalo, elikobokakazi yona, exanyelwe indoda, engakululwanga nakanye, engapiwanga inkululeko kanjalo; kwobetwa ke; abayi kufiswa, ngokuba ingengokululekileyo inkazana leyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa indoda ithe yayilala inkazana, ilikhobokazana eliganelwe indoda, lingakhululwanga ngokuhlawulelwa, lingaphiwanga nenkululeko: bobethwa; bangabulawa, ngokuba belingakhululekile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe wamlala inkazana elikhoboka, ebotshelelwe eyindoda, engekakhululwa ngentlawulelo, nokuba uthe wakhululwa ngentlawulelo; uya kubethwa; bangabulawa, ngokuba ebengekakhululeki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukuba indoda ithe yalala nekhobokazana esekuvunyelwene ngalo ukuba lithengiswe komnye, phofu lingekahlawulelwa, kufuneka bohlwaywe ngokulingene isenzo eso, kodwa bangàbulawa – kaloku ibiselikhobokazana.