Leviticus 19:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni ningenileyo kwelozwe, natyala zonke intlobo zemiti yokutyiwa, isiqa̔mo sayo niya kusibala ngokuba sesingalukileyo: yoba yiminyaka mitatu esiya kuba njengesingalukileyo kuni; asiyi kudliwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa nifikileyo ezweni elo, natyala yonke imithi edliwayo, nothi iziqhamo zayo zikukungaluki; zoba zezingalukanga kuni iminyaka emithathu, ize zingadliwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba nithe nangena ehlabathini, natyala zonke iintlobo zemithi ukuba niyidle, nimele nizithabathe njengengekavuthwa iziqhamo zayo; iminyaka emithathu woba ubumenemene kuni; mayingadliwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nakufika eKanana ze nithi xa nityala imithi niyithathe njengemithi *enomlaza kwiminyaka emithathu yokuqala. Ngelo xesha ke ze ningatyi nto kuyo.