Leviticus 19:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Woba njengozelweyo pakati kwenu kuni owasemzini opambukeleyo ukuhlala nani; uya kutanda yena njengokuzitanda kwako: ngokuba nibe ningabasemzini nina elizweni le‐Jipete: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuni woba njengozalelwe phakathi kwenu ekhaya, umphambukeli ophambukele kuni; uze umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba nibe ningabaphambukeli ezweni laseYiputa:ndinguYehova, uThixo wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke umphambukeli ophambukele kuni woba njengozalelwe phakathi kwenu, umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa. NdinguYehova, uThixo wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baphatheni ngokufanayo nabayinzala, nibathande kanye ngale ndlela nizithanda ngayo nani. Kaloku nani benikhe nangabantu basemzini eJiputa. Nditsho ke mna Ndikhoyo, Thixo wenu.