Leviticus 19:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomhla wokubingelela kwenu uya kudliwa, nangomnye umhla; kodwa oko kuseleyo kwada kwangumhla wesitatu, kwotshiswa ngomlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wodliwa ngomhla wokubingelela kwenu nangengomso; okuseleyo kwada kwangumhla wesithathu kotshiswa ngomlilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wodliwa ngomhla wokuwusondeza kwakho, nangengomso; ukuba ithe yahlala kwada kwaba lusuku lwesithathu, yotshiswa ngomlilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inyama yalo kufuneka ityiwe kanye ngalo mhla yawiswa ngawo loo nto yedini, kungenjalo ngomhla olandelayo. Ngomhla wesithathu yonke inyama eseleyo kufuneka itshiswe.