Leviticus 2:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko mnikelo wokudla, eniya kunikela ngawo kuyehova, oya kwenziwa ngegwele; ngokuba igwele nobusi ningayi kutshisa nanye into enazo ibe ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yonke iminikelo yokudla eniya kuyisondeza kuYehova, mayingenziwa ngagwele; kuba igwele lonke, nobusi bonke, aniyi kuqhumisela ngezo nto zibe kukudla kwasemlilweni kukaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nawuphi na umnikelo wasemlilweni, eniwusondeza kuYehova, awuyi kuba nagwele; ngokuba igwele nobusi aniyi kuqhumisela kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Konke ukutya okunikelwa kuNdikhoyo makungabi nagwele. Ungaze ufake igwele okanye ubusi kukutya okunikelwa kuNdikhoyo ngomlilo.