Leviticus 20:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni indoda iya kuzeka umfazi nonina wake, bubutshinitshini oku: baya kutshiswa ngomlilo, kwa yona nabo bona; kuze kungabiko ubutshinitshini pakati kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Indoda esukuba izeka inkazana nonina, ngamanyala lawo;mabatshiswe ngomlilo, kwayona nabo, kungabikho manyala phakathi kwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indoda esukuba izeka umfazi nonina, ngamanyala lawo; mabatshiswe ngomlilo, yona nabo; kungabikho manyala phakathi kwenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Indoda ethathe umfazi, ize ithathe nonina waloo mfazi imenze umkayo, benze isikizi bobathathu, yaye kufuneka batshiswe bonke; into enjalo mayingenzeki phakathi kwenu.