Leviticus 20:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo umfazi nxa aya kusondela kwesinye isilo ukuza kulala pantsi kuso, uya kubulala umfazi lowo nesilo eso: baya kufiswa ngenyaniso: igazi labo loba pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inkazana esukuba isondela entweni ezitho zine, nokuba yiyiphi na, ukuba izekwe yiyo, mayibulawe inkazana leyo; naloo nto izitho zine mayibulawe ife; amagazi azo makabe phezu kwazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inkazana esukuba isondela entweni ezitho zine, yalala phezu kwayo, mayibulawe inkazana leyo; mababulawe okunene; amagazi abo abe phezu kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umfazi olinga ukwenza inyala lokulala nesilwanyana makabulawe kunye neso silwanyana. Lityala labo ukubulawa kwabo.