Leviticus 20:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni indoda iya kuzeka udade wayo, intombi kayise, umhlaumbi intombi kanina, ibone ubuzé bake, ati yena abone ubuzé bayo, kulihlazo oko; ngako bonqanyulwa emehlweni osapo lwabantu babo: ibutyilile ubuzé bodade wayo; iya kutwala inkohlakalo yayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuze bakhe, wabubona yena ubuze bayo, benze ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhile ubuze bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yalibona ihlazo lakhe, wabubona nodano lwakhe; yinto embi leyo; yaye baya kunqunyulwa phambi kwamehlo abantu bakowayo. Wabhenca ihlazo lodade wabo; uya kubuthwala ubugwenxa bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Indoda ethatha udade wayo imenze umfazi, nokuba yintombi kayise okanye yintombi kanina, kufuneka yona naloo mfazi bagxothwe phakathi kwabemi bomzi. Kaloku imnyelisile udade wayo; ke inetyala.