Leviticus 20:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Woti kanjalo elusatsheni luka‐Sirayeli: Umntu wakwabalusapo luka‐Sirayeli, nowakwabasemzini abapambukeleyo kwa‐Sirayeli, osukuba enika kwinzalo yake ku‐Moleke, uya kufiswa ngenyaniso; abantu belizwe baya kumgibisela ngamatye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yithi koonyana bakaSirayeli: Umntu ngomntu, koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli abaphambukele kwaSirayeli, othe wayinika uMoleki imbewu yakhe, wobulawa afe; abantu belizwe eli ize bamxulube ngamatye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yithi koonyana bakaSirayeli, elowo koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli abaphambukele kwaSirayeli, othe wamnika uMoleki inxalenye yoonyana bakhe; inene umelwe kukubulawa; abantu belo zwe bamgibisela ngamatye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
makathi kumaSirayeli: “Nabani na kuni, nokuba ngumntu wasemzini ohlala phakathi kwenu, othe wanikela ngomntwana wakhe ukuba kunqulwe ngaye uMoleki, loo mntu makaxulutywe ngamatye ngumzi uphela.