Leviticus 20:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nina kodwa ndite kuni: Niya kulidla ilifa lelizwe labo; ndolinika kuni kwa mna, ukuba nilidle ilifa lalo, ilizwe elela ubisi nobusi: mna ndi nguyehova, utixo wenu, onahlulileyo kw abanye abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi ke kuni, Nina niya kulidla ilifa ilizwe labo;ndininikila mna ukuba libe lilifa kuni, ilizwe elibaleka amasi nobusi. NdinguYehova, uThixo wenu, onahluleyo kwezinya izizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi ke kuni, Nina niya kulidla ilifa ilizwe labo; ndininikila mna ukuba libe lilifa kuni, ilizwe elibaleka amasi nobusi; NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezintlangeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke nina ndanithembisa lo mhlaba wazo ulinqatha, uchumayo, ukuba ndoninika wona niwume. Kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye ndinahlule kwezinye izizwe.