Leviticus 20:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kukona niya kukwenza ukwahluka pakati kwezilo ezicocekileyo nezinco̔lileyo, napakati kwentaka ezinco̔lileyo nezicocekileyo; aniyi kudlubukisa imipefumlo yenu ngesilo, nangentaka, nanganye into enambuzelayo pezu kwomhlaba, endinahlulele zona ukuba nizibale ngokuba zinco̔lile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize niyahlule into ezitho zine ehlambulukileyo kweyinqambi, nentaka eyinqambi kwehlambulukileyo, ningayenzi imiphefumlo yenu ibe nezothe ngento ezitho zine, nangentaka, nangento yonka enambuzelayo emhlabeni, endinahluleyo nayo kuba iyinqambi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yenzani ke umahluko phakathi kwehlambulukileyo neyinqambi, neyinqambi neentaka ezihlambulukileyo; ize ningayenzi imiphefumlo yenu ibe nezothe ngeenkomo, nangeentaka, nangenye inyakanyaka yonke endiyinyulileyo eyakho injengenqambi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kufuneka ke ngoko nicalule phakathi kweenyamakazi ezityiwayo nezingatyiwayo, naphakathi kweentaka ezityiwayo nezingatyiwayo. Ningazityi ezo zingatyiwayo. Kaloku ndithe azityiwa; ke xa nithe nazitya noba nomlaza.