Leviticus 20:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nam ndiya kubeka ubuso bam ngakuye lowamntu, ndimnqamle pakati kwabantu bake; ngokuba enikile kwinzalo yake ku‐Moleke, ukuze anco̔lise indawo yam eyingcwele, negama lam elingcwele alidyobe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke mna ndiya kumchasa loo mntu, ndimnqamle, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba uyinike uMoleki imbewu yakhe, ukuze ayenze inqambi ingcwele yam, alihlambele igama lam elingcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke mna ndiya kumkhangela loo mntu, ndimnqamle, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba ubanike oonyana bakhe kwimilingo, ukuba bayenze inqambi ingcwele yam, balihlambele igama lam elingcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo mntu ndiya kumchasa, ndingabi sambalela ebantwini bam, kuba umntu onikezela ngomntwana wakhe kunqulo lukaMoleki uxabhele *isibingelelo sam walinyelisa negama lam elingcwele.