Leviticus 20:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nompefumlo ojikelayo kwabenzelana nemishologu, nakumatola, ukuya kuṙexezela emva kwabo, sendiya kubeka ubuso bam ngakuwo umpefumlo lowo, ndiwunqamle pakati kwabantu bawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Loo mphefumlo uthe wabheka kwabanemishologu, nakoosiyazi, uhenyuza ngokubalandela; ndowuchasa loo mphefumlo, ndiwunqamla, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye umoya ophethukela kwimimoya yabafileyo nakubathakathi ukuba uhenyuze emva kwabo, ndowujonga loo moya ndize ndiwunqumle ebantwini bakowawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Umntu oya kuvumisa kubantu abeva ngababhubhileyo ndomfulathela, angabi saba ngumntu wam.