Leviticus 21:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nalowo ongumperisite omkulu pakati kwabazalwana bake, obekugalelwa pezu kwentloko yake ioli yokutambisa, nozandla zake zizalisiwe ukwambata izivato, intloko yake akayi kuyihlubulula, nezivato zake akayi kuziṙazula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, obegalelwe ioli yokuthambisa entloko, omiselweyo ukuze azambatha izambatho, makangaziyeki ziyakazele iinwele zakhe, angazikrazuli lingubo zakhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa lowo ungumbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, ogalelwe ioli yokuthambisa entlokweni yakhe waza wangcwaliselwa ukuba anxibe izambatho, makangayithwali intloko aze azikrazule izambatho zakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Umbingeleli omkhulu, lowo uthanjiswe ngokugalelwa ioyile yomnquma entloko waza wamiselwa ukunxiba izivatho zobubingeleli, kufuneka angaziyeki zibe dlakadlaka iinwele zakhe, okanye akrazule izambatho zakhe ebonisa ukuzila akwenzayo.