Leviticus 21:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boba ngabangcwele kutixo wabo, negama lotixo wabo abayi kulidyoba: ngokuba bona benikela iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova, ukutya kwotixo wabo; ngako boba ngcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mababe ngcwela kuThixo wabo, bangalihlambeli igama loThixo wabo; kuba besondeza ukudla kwasemlilweni kukaYehova, ukudla koThixo wabo; mababe ngcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mababe ngcwele kuThixo wabo, bangalihlambeli igama loThixo wabo; ngokuba bezisa imibingelelo kaYehova etshiswa ngomlilo, nesonka soThixo wabo; ke ngoko bafanele ukuba ngcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena makazahlulele uThixo wakhe, angalihlazisi igama loThixo wakhe. Nguye lo mbingeleli kaloku umenzela amadini ngomlilo uNdikhoyo; makahluke ke.