Leviticus 22:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nxa umperisite aya kutenga umntu ngemali yake, lo uya kudla kuko, kwa nozelweyo endlwini yake: bona baya kudla ekutyeni kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umbingeleli xa athe wathenga umntu, waba yintengo yemali yakhe, makadle kuyo lowo, kwanozelelwe endlwini yakhe; abo bodla ukudla kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umbingeleli xa athe wathenga umntu, waba yintengo yemali yakhe, makadle kuyo, kwanozalelwe endlwini yakhe; baya kuyidla inyama yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke wona amakhoboka awathengileyo, okanye azalelwe kwakhe, angakutya ukutya okufunyanwa ngumbingeleli.