Leviticus 22:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ukuba intombi yomperisite ingumhlolokazi, umhlaumbi ngolahliweyo, ekungeko kuyo inzalo, nebuyeleyo endlwini kayise njengasebutsheni bayo, iya kudla kuko ukutya kwoyise wayo: kodwa akuyi kudla kuko namnye owasemzini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intombi yombingeleli, xa ithe yangumhlolokazi, nokuba ithe yaliwa, ingazalanga, yabuyela endlwini kayise, yokudla ukudla kukayise njengasebutsheni bayo. Wonke ongengowakuni makangadli kuko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Intombi yombingeleli xa ithe yangumhlolokazi, nokuba ithe yaqhawula umtshato, ingenamntwana, yabuyela endlwini kayise njengasebutsheni bayo, yodla ukudla kukayise; owasemzini makangayidli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke yona intombi engumhlolokazi okanye ebuya ekwendeni ingenabantwana, ize kuhlala kowayo, ixhomekeke kuyise, ingakutya ukutya okuza noyise ongumbingeleli. Ngumntu onelungelo kuphela onako ukutya oko kutya.