Leviticus 22:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako ukuba umntu uya kudla into eyingcwele ngesiposo, uya kubeka esesihlanu isiqingata senani lako pezu kwako, andule asinike kumperisite kunye nalonto eyingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umntu othe wayidla into engcwele ngokulahleka, makongeze isihlanu sayo kuyo, ayinike umbingeleli into engcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ubani uthe wadla engcweleni, engazi, makongeze isahlulo sesihlanu sayo kuko oko, ayinike umbingeleli kunye nengcwele;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa kukho umntu ongenguye owomzi wombingeleli othe watya koku kutya kwababingeleli ngempazamo, kufuneka loo mntu ambuyisele umbingeleli ngokuzeleyo, ongeze ngomdliwo ngaphezulu. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.)