Leviticus 22:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Teta ku‐Arone, nakonyana bake, nakulo lonke usapo luka‐Sirayeli, uti kubo: Umntu osukuba engowendlu ka‐Sirayeli, nowabasemzini abakwa‐Sirayeli, oya kunikela umnikelo wake, ngenxa yazo zonke izibambiso zabo, nangenxa yayo yonke iminikelo yabo yesisa, abaya kunikela ngayo kuyehova, libe lidini lokutshiswa;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nakoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abakwaSirayeli, osukuba esondeza umsondezo wakhe ngokubhekisele kwizibhambathiso zabo zonke, nangokubhekisele kwimibingelelo yabo yonke yokuqhutywa yintliziyo, asukuba ewusondeza kuYehova, ukuba ube lidini elinyukayo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thetha kuAron, nakoonyana bakhe, nakoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Elowo kwindlu kaSirayeli, nakubaphambukeli bakwaSirayeli, yoba ngumsondezo wakhe otshangwa ngomlilo ngenxa yezibhambathiso zakhe zonke, nomnikelo wokudla otshiswayo ngomlilo ngenxa yezibhambathiso zakhe zonke, iminikelo yakhe yokuqhutywa yintliziyo, awayinikela kuYehova baya kwenza idini elinyukayo kuYehova;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
athethe noAron noonyana bakhe nakumaSirayeli ephela, athi: “Xa umSirayeli, okanye umntu wasemzini ohlala kwaSirayeli, esondeza kuNdikhoyo idini elitshiswayo, nokuba lelesithembiso asenzileyo, okanye lingumnikelo awenza eqhutywa yintliziyo,