Leviticus 22:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nosukuba eya kunikela umbingo woxolo kuyehova, ukufeza isibambiso, umhlaumbi ukunika umnikelo wesisa, ngezinkulu umhlaumbi ngezincinane inkomo, wona woba msulwa ukuba ukoleleke; akuyi kubako nasinye isonakalo kuwo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umntu, xa athe wasondeza umbingelelo woxolo kuYehova, ukuba ube ngowesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ube ngowokuqhutywa yintliziyo, oziinkomo noyimpahla emfutshane: uze ube ngogqibeleleyo ukuze ukholeke, uze ungabi nasiphako nasiphi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lowo usondeza umbingelelo wombulelo kuYehova, ukuba ube ngowesibhambathiso esibalulekileyo, okanye ube ngowokuqhutywa yintliziyo, oziinkomo noyimpahla emfutshane, ube ngogqibeleleyo ukuze wamkeleke; isenokungasweleki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa umntu esondeza kuNdikhoyo idini lobudlelane, ezalisekisa isithembiso asenzileyo, okanye lingumnikelo awenza eqhutywa yintliziyo, kufuneka loo nto yokuxhelelwa idini ingabi nasiphako, ukuze yamkeleke.