Leviticus 22:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiti kubo: Umntu wakuyo yonke inzalo yenu, pakati kwezizukulwana zenu, osukuba eya kusondela kwezingcwele izinto, ezo usapo luka‐Sirayeli luzingcwalisile kuyehova, nxa ukunco̔la kwake kupezu kwake, umpefumlo lowo wonqanyulwa kwa sebusweni bam: mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yithi kubo, Ezizukulwaneni zenu, bonke abantu abangabembewu yenu, abasukuba besondela ezintweni ezingcwale, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli kuYehova, benobunqambi babo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebusweni bam:ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yithi kubo, Bonke oonyana benu ezizukulwaneni zenu, abasukuba besondela ezintweni ezingcwele, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli kuYehova, beseziinqambi, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebusweni bam. Nkosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kuthe kwakho omnye kumlibo wenu othe lo gama *anomlaza wachukumisa iminikelo eyodwa eyahlulelwe mna ngamaSirayeli, kufuneka loo mntu angaze abuye alungiselele phambi kwam. Lo myalelo mawuhlale unjalo ngalo lonke ixesha. Kutsho mna Ndikhoyo.