Leviticus 22:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Negama lam elingcwele aniyi kulidyoba, koko ndiya kungcwaliswa pakati kwosapo luka‐Sirayeli: mna ndi nguyehova, oningcwalisayo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ningalihlambeli igama lam elingcwele; ndongcwaliswa phakathi koonyana bakaSirayeli: ndinguYehova oningcwalisayo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye akuzange ulithabathele kuwe igama lam elingcwele; ndongcwaliswa phakathi koonyana bakaSirayeli; NdinguYehova oningcwalisayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ze ningalihlazisi igama lam elahlukileyo. AmaSirayeli ephela kufuneka aqonde ukuba mna ndahlukile. Kaloku ndinguNdikhoyo; ndim ozahlulela nina ukuze nibe ngcwele.