Leviticus 22:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako baya kugcina umyalezelo wam, ukuba bangatwali isono ngenxa yawo, bafe nokufa ngawo, nxa bawudyobayo: mna ndi nguyehova obangcwalisayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize basigcine isigxina sam, bangazithwalisi isono, bafe ngaso, ngokuba besihlambele sona: ndinguYehova obangcwalisayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko wugcineni umthetho wam, bangazithwalisi sono, bafe ke, ukuba bathe bawuhlambela; NdinguYehova obangcwalisayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bonke ababingeleli kufuneka baqhube ngale migaqo ndiyimisileyo. Kungenjalo boba netyala, baze bafe ngenxa yokudelela le miyalelo iyodwa. NdinguNdikhoyo kaloku, ndim ozahlulela bona.