Leviticus 23:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni nise nifikile kwelozwe endinipa lona, naza navuna ukuvunwa kwalo, niya kwandula nizise isitungu sesiqalo sokuvuna kwenu kumperisite;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo: Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, navuna isivuno salo, nozisa kumbingeleli isinde lokuqala lesivuno senu,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, navuna isivuno senu, nizise kumbingeleli isipha seziqhamo zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
makathi kumaSirayeli: “Xa senifikile kwelo zwe ndininika lona, nize ngexesha lokuvuna nizise kumbingeleli intlahlela yezithungu zengqolowa.