Leviticus 23:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isonka, namaqashu, nezikwebu eziluhlaza, aniyi kuzidla, kude kube ngokwa nguwo umhla eniya kuzisa ngawo umnikelo wotixo wenu: woba ngummiselwa ongunapakade ngezizukulwana zenu, kuwo onke amakaya enu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ningadli sonka, nakhweba, nangqolowa intsha, ide ibe yinkqu yayo loo mini, nizisa ngayo umsondezo kaThixo wenu:ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu, emakhayeni enu onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze ungadli sonka, nangqolowa igcadiweyo, nangqolowa ikrwada, ide ibe yimini yokuzisa kwakho idini kuThixo wakho; ngumyalelo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu emakhayeni enu onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nize ningayityi ingqolowa esand' ukuvunwa, nokuba ikrwada, nokuba igcadiwe, nokuba sisonka esibhakiweyo, de kube lo mnikelo niwenzile. Lo mmiselo maze ugcinwe nazizizukulwana zenu ngalo lonke ixesha.”