Leviticus 23:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naniya kushumayela ngokwa nguwo umhla lowo, ukuba makube yintlanganisano engcwele kuni: aniyi kwenza namnye umsebenzi wenkonzo ngawo: kwoba ngummiselwa ongunapakade kuwo onke amakaya enu ngezizukulwana zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nize nimeme ngenkqu yayo loo mini, ukuba kubekho intlanganiso engcwele kuni; ize ningenzi msebenzi wakukhonza.Ngummiselo ongunaphakade emakhayeni enu onke ezizukulwaneni zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nadanduluka ngaloo mini, ukuba kubekho intlanganiso engcwele kuni; ningenzi namnye umsebenzi; ngumyalelo ongunaphakade emakhayeni enu onke ezizukulwaneni zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngale mini nize ningasebenzi, koko ze nipapashe umbhiyozo wonqulo. Lo mmiselo kufuneka ugcinwe nazizizukulwana zenu naphi na apho zihlala khona.