Leviticus 23:27 — Compare Translations
3 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ngoweshumi umhla walenyanga yesixe̔nxe, ngumhla wokuxolisa wona; noba nentlanganisano engcwele; naniya kubandezela imipefumlo yenu, ninikele umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ngolweshumi kule nyanga yesixhenxe, ngomhla wokucamagusha, yoba yintlanganiso engcwele kuni, niyithobe imiphefumlo yenu; nisondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ngomhla weshumi kule nyanga yesixhenxe kuya kuba ngumhla woxolo; loba libandla elingcwele kuni; niyixhwalekise imiphefumlo yenu nize nisondeze umnikelo wasemlilweni kuYehova.