Leviticus 23:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yimihla mitandatu ekuya kwenziwa umsebenzi; kodwa ngomhla wesixe̔nxe yisabata yopumlo, intlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi ngawo: yisabata kayehova kuwo onke amakaya enu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wosebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe uyisabatha kasabatha, yintlanganiso engcwele. Ze ningenzi namnye umsebenzi ngawo: yisabatha kaYehova emakhayeni enu onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wosetyenzwa imihla emithandathu, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, yintlanganiso engcwele kuni ningenzi namnye umsebenzi ngayo; yisabatha kaYehova ezindlwini zenu zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zintandathu iintsuku eningenza ngazo umsebenzi, kodwa ze nikhumbule ukuba umhla wesixhenxe wona ngowokuphumla. Ze ningasebenzi ngaloo mhla, koko ze nihlanganisane ninqule. *UMhla wokuPhumla wona wahlulelwe uNdikhoyo, nditsho nokuba nihlala phi na.”