Leviticus 23:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Woba yisabata yopumlo kuni, eniya kubandezela imipefumlo yenu ngayo: ngowesitoba umhla wenyanga ngokuhlwa, kwa sekuhlweni kude kube sekuhlweni, niya kuyenza isabata yenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yisabatha kasabatha kuni; noyithoba imiphefumlo yenu.Ngolwe sithoba enyangeni leyo, ngokuhlwa, kuthabathele ekuhlweni kuse ekuhlweni, nophumla ngesabatha yenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mayibe yisabatha kasabatha kuni, nicinezele imimoya yenu; ngomhla wesithoba enyangeni leyo, ngokuhlwa, ukususela ngokuhlwa kude kube ngokuhlwa, noyigcina isabatha yenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukususela ukutshona kwelanga ngomhla wesithoba kude kutshone ilanga ngomhla weshumi lo mhla ze niwuthathe njengomhla owodwa wokuphumla, ekungayi kutyiwa nto ngawo konke.”