Leviticus 24:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU kwapuma unyana womfazi ongum‐Sirayelikazi, obengunyana wendoda engum‐Jipete, pakati kwosapo luka‐Sirayeli: wasuka lo nyana wom‐Sirayelikazi wangxolisana nendoda engum‐Sirayeli emnqubeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwaphuma unyana womSirayelikazi phakathi koonyana bakaSirayeli; waye engunyana womYiputa. Lo nyana womSirayelikazi nomfo wakwaSirayeli bantlalana eminqubeni,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwafika unyana womSirayelikazi, onguyise engumYiputa, evela phakathi koonyana bakaSirayeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakukho mfo uthile oyise wayengumJiputa, unina yena engumSirayeli ogama lalinguShelomiti owayeyintombi kaDibri wesizwe sakwaDan. Lo mfo ke waxabana nomSirayeli. Emsindweni wakhe wanyelisa *noNdikhoyo ngesithuko, waza ke wasiwa kuMosis,