Leviticus 24:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yalela usapo luka‐Sirayeli, ukuba luyizise kuwe ioli engcwengileyo yamanquma anqushiweyo ibe yeyesikanyiso, kuze kumiswe izibane ngamaxesha onke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, bathabathe bazise kuwe ioli eqaqambileyo yeminquma engqushiweyo yesikhanyiso, ukuba kumiswe isibane samaxesha onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, bazise kuwe ioli eqaqambileyo yeminquma, etshisiweyo yesibane, ukuze zihlale zivutha izibane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Gqithisela lo myalelo kumaSirayeli, uthi kufuneka azise ioyile yomnquma ecwengileyo, ize isetyenziswe kwizibane *zesibingelelo ekufuneka zisoloko zivutha.